Nehemiah 6:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako, ngalomihla, imiduna yakwa‐Juda yatuma incwadi ezininzi ku‐Tobiya; nezika‐Tobiya bezisiza kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo ngaloo mihla, abanumzana bakwaYuda bazongeza iincwadi eziya kuTobhiya, nezikaTobhiya bezisiza kubo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo abanumzana bakwaYuda bazongeza iincwadi eziya kuTobhiya ngaloo mihla, nezikaTobhiya zazifika kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mihla ke izikhulu zakwaJuda zazithumela intaphane yeeleta kuTobhiya; neempendulo ke zazithululeka ukungena zivela kuTobhiya.