Nehemiah 6:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba abaninzi kwa‐Juda bebefungile kuye, ngenxa yokuba ebengumyeni ku‐Shekaniya unyana ka‐Arahi; no‐Jehohanane unyana wake yena ebezekile intombi ka‐Meshulame unyana ka‐Berekiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba bebebaninzi kwaYuda ababemfungele; ngokuba ebengumyeni kwaShekaniya unyana ka-Ara; noYohanan unyana wakhe ubezeke intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba babebaninzi kwaYuda ababemfungele, ngenxa yokuba wayengumkhwenyana kaSheganiya unyana ka-Ara; unyana wakhe uYohanan wazeka intombi kaMoslem unyana kaBheregiya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku amaJuda amaninzi ayenqophisene naye, njengoko wayengumkhwenyana kaShekaniya unyana ka-Ara, unyana wakhe uYohanan ethathe intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya.