Nehemiah 6:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakanjako, ubamisile abaprofite ukuba bashumayele ngawe e‐Yerusaleme, besiti: Ungukumkani kwa‐Juda. Nakaloku kwoviwa ngukumkani njengalamazwi: ngako kaloku yiza, masicebisane ndawonye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo umise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko ke kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza ke ngoko, sicebisane.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamisela abaprofeti ukuba bathethe ngawe eYerusalem, besithi, ‘Kukho ukumkani kwaYuda, yaye ke la mazwi aya kuxelwa kukumkani. Yiza ngoku, sithethe kunye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kangangokuba sowude wamisela abashumayeli ukuze benze isihlokomiso ngawe apha eJerusalem, bathi: ‘Ukho ukumkani welakwaJuda!’ Le ngxelo ke iza kufikelela kukumkani; ngoko ke wena yiza ukuze sithetha-thethane.”