Nehemiah 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandula ndamisa u‐Hanani umzalwana wam, no‐Hananiya inkosi yenqaba, pezu kwe‐Yerusaleme: ngokuba ebeyindoda yenyaniso, wamoyika utixo ngapezu kwabaninzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabeka uHanani umntakwethu noHananiya ukuba baphathe indlu yobukumkani ukuba balawule iYerusalem, ngenxa yokuba wayeyindoda ethembekileyo neyoyika uThixo ngaphezu kwabaninzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu.