Nehemiah 7:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndandisiti kubo: Amasango e‐Yerusaleme makangavulwa lide libalele ilanga; naxeshekweni basemiyo ngaku wo, mabavale ingcango, bafake imivalo: kanjalo makumiswe abalindi, abemi base‐Yerusaleme, bonke ngabanye ekulindeni kwabo, nabanye ngabanye malungana nezindlu zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi kubo, Musani ukuwavula amasango aseYerusalem, lide lifudumale ilanga; kwaye ngoxa bemi apho, baya kuzivala iingcango baze bahambe; wamisa ababoniseli phakathi kwabemi baseYerusalem, elowo esembonisweni yakhe, elowo wema malunga nendlu yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”