Nehemiah 7:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula utixo wam wabeka entliziyweni yam ukuba ndihlanganise imiduna, namagosa, nabantu, baze baba̔lelwe ngokuzalwa. Ndaza ndafumana isiba̔lelo sokuzalwa sababenyuke ekuqaleni, ndafumana kuba̔liwe kuso, kusitwa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwabo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye uThixo wam wakubeka entliziyweni yam ukuba ndiqokelele ndawonye izikhulu nabalawuli nabantu ukuba babalwe ngokomnombo wam. Ndafumana umlibo wokuzalwa wokuqala, ndawufumana kubhaliwe kwathiwa,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo: