Nehemiah 7:61 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo aba ngabanyukayo e‐Tele‐mela, nas e‐Tele‐haresha: u‐Kerube, u‐Adoni, no‐Yimeri: kodwa bakohlwa kuxela indlu yoyise yabo, nesizalwane sabo, ukuba bangabakwa‐Sirayeli na.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo aba abenyuka bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adoni-mere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise nomnombo wabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo abo abenyuka baya eTelemela, naseTele-haresha, naseKerubhi, naseAdon, naseImere, kodwa babengayixela indlu yoyise, nembewu yabo, ukuba babephuma kwaSirayeli:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na: