Nehemiah 7:65 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yayisiti kubo inkosi enkulu, ukuba mabangatyi kwizinto ezingcwele kakulu, kude kusuke umperisite ene‐Urime ne‐Tumime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko umphathi wabayalela ukuba bangazidli ezona zinto zingcwele de umbingeleli eme eneUrim neTumim.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.