Nehemiah 8:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
BANDULA bonke abantu bazihlanganisela enkundleni engapambi kwesango lamanzi njengomntu mnye; bati ku‐Ezera umba̔li, ukuba makayizise incwadi yomteto ka‐Mosesi, lowo uyehova ubewumisele o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bahlangana bonke abantu njengamntu mnye endaweni yembutho ephambi kwesango lamanzi, bathi kuEzra umbhali, makazise incwadi yomyalelo kaMoses, awawumiselayo uYehova kumaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bahlanganisana bonke abantu njengamntu mnye ebaleni lesango lamanzi; bathi kuEzra umbhali, makazise incwadi yomyalelo kaMoses, awawumiselayo uYehova koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bonke abantu baqokelelana ebaleni phambi kweSango laManzi. Baza ke babiza umchazi-mthetho uEzra, bathi makeze nencwadi yomthetho kaMosis, lowo wagunyaziswa *nguNdikhoyo kumaSirayeli.