Nehemiah 8:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati kubo: Hambani, yityani okutyebileyo, nisele okumnandi, nizitume izabelwa kwabangalungiselwanga nto: ngokuba lemini ingcwele kwinkosi yetu: niti kanjako ningadandateki; ngokuba uvuyo lwoyehova, lulo amandla enu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Hambani niye nidle okutyebileyo, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini yiNkosi yethu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uNehemiya wathi kubo: “Hambani niyokutya izimuncu-muncu, ukutya okumnandi neziselo, nide niphe nâbo bangenakutya. Le yimini ekhethekileyo yeNkosi yethu. Ngayo musani ukuba lusizi; kaloku uNdikhoyo uza kunomeleza ngovuyo lwakhe.”