Nehemiah 8:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula bahamba bonke abantu baya ukutya, nokusela, nokutuma izabelwa, nokuwenza umgcobo omkulu, ngenxa yokuba bebeqondile amazwi abeshunyayelwe kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Besuka bonke abantu, baya kudla, basela, bathuma izabelo, bavuya kakhulu: ngokuba bawaqonda amazwi ababewaxelelwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko bonke abantu baya kudla, basela, babela izabelo, bavuya, ngenxa yokuba babewaqonda amazwi ababeshunyayelwa kuwo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke bonke abantu baya kwenza itheko, batya, basela, besabelana ngokutya benemincili, kuba kaloku ngoku bewaqondile amazwi ababewacaciselwe.