Nehemiah 8:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokokuba luvakalise ludlulise nokudlulisa ilizwi kuzo zonke izixeko zalo, nase‐Yerusaleme, lokuti: Pumani niye ezintabeni, nizise amasebe eminquma, namasebe emiti yeoli, namasebe emiti yemutele, namasebe emiti yepalime, namasebe emiti ebungqingqwa, kuze kwenziwe amapempe, njengokuba̔liweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nokuthi mabavakalise, bahambise ilizwi emizini yabo yonke, naseYerusalem, lokuthi, Phumani niye ezintabeni, nize namahlamvu eminquma, namahlamvu eminquma yasendle, namahlamvu emimirtile, namahlamvu esundu, namahlamvu emithi ethe shinyi, ukuze kwenziwe iminquba ngoko kubhaliweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
bakuxele, kuthiwe emizini yabo yonke naseYerusalem, Yiyani entabeni, nithabathe amasebe omnquma, namasebe ompayini, namasebe ommirtile, namasebe esundu, namasebe emithi eshinyeneyo; yenza iminquba njengoko injalo ibhaliwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kananjalo balishumayele ilizwi elo linwenwele kuzo zonke iidolophu naseJerusalem, besithi: “Phumani niye kweleentaba, nibuye namahlamvu omnquma, nalowo wasendle, awemetile, nawesundu, naweminye imithi, ukuze ngawo kwenziwe amaphempe njengoko kubhaliweyo.”