Nehemiah 8:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka bapuma abantu, bawazisa, bazenzela amapempe, abanye ngabanye pezu kwezindlu zabo, nasemabaleni abo, nasemabaleni endlu katixo, nasenkundleni yesango lamanzi, nasenkundleni yesango lika‐Frayime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphuma abantu, bawazisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zabo, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yesango lamanzi, nasendaweni yembutho yesango likaEfrayim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphuma ke abantu, bawazisa, bazenzela iminquba, elowo phezu kwendlu yakhe, nasezintendelezweni zabo, nasezintendelezweni zendlu kaThixo, nasendaweni yembutho yeSango laManzi, nasebaleni leSango laManzi isikwere sikaEfrayim. Isango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baphuma ke abantu, baza babuya namahlamvu emithi, bazakhela ngawo amaphempe kumaphahla abo, kwiinkundla zemizi yabo, nakwiinkundla zendlu kaThixo, ngokunjalo nasebaleni elingakwiSango laManzi nelingakwiSango likaEfrayim.