Nehemiah 8:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yonke intlanganiso yababuyileyo ekutinjweni yawenza amapempe, yahlala emapempeni lawo: ngokuba belungenzanga usapo luka‐Sirayeli ngokunjalo, kuselokwemihla ka‐Yoshuwa unyana ka‐Nune kwada kwangumhla lowo. Kwaza kwabako umgcobo omkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lonke ibandla elalibuye ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala eminqubeni; ngokuba oonyana bakaSirayeli babengenzanga ngokunjalo kususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun, kwada kwayiloo mini. Kwabakho ke uvuyo olukhulu kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lonke ibandla elalibuyile ekuthinjweni lenza iminquba, lahlala phantsi kweminquba leyo; ngenxa yokuba ukususela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNun de kube yiloo mini oonyana bakaSirayeli babengenzanga loo nto. Kwaye kwabakho uvuyo olukhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lonke ke elo gqiza lalibuye ekuthinjweni lazakhela amaphempe, laza lahlala kuwo. Ke ukusukela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNune kude kube lelo thuba amaSirayeli la ayengazange alibhiyozele ngale ndlela eli theko. Ewe, ayonwabe ngovuyo olukhulu.