Nehemiah 8:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Ezera umperisite wawuzisa umteto ebusweni bentlanganiso, kwa namadoda nabafazi, nabo bonke abebeqonda ukuva, ngowokuqala umhla wenyanga yesixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UEzra umbingeleli wawuzisa umyalelo phambi kwebandla elo, lithabathele kwindoda lesa kumfazi, nakubo bonke abanokuva baqonde, ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umbingeleli uEzra wawuzisa umthetho phambi kwebandla lamadoda nabafazi nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo ukuze baphulaphule, ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ngomhla wokuqala kwinyanga yesixhenxe umbingeleli uEzra weza nayo ebandleni incwadi yomthetho – ibandla elo ke yayingamadoda nabafazi nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo.