Nehemiah 8:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wema u‐Ezera umba̔li pezu kwesitulo semiti eside, abebesenzile ngenxa yalondawo: kwema ngakuye u‐Matitiya, no‐Shema, no‐Hanaya, no‐Huriya, no‐Hilikiya, no‐Mahaseya, ngesokunene sake; nangesokohlo sake, u‐Pedaya, no‐Mishayeli, no‐Malekiya, no‐Hashume, no‐Hashebadana, n o‐Zekariya, n o‐Meshulame.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wema ke uEzra umbhali esikhwelweni somthi, ababesenzele loo nto. Kwema ngakuye uMatitiya, noShema, noAnaya, noUriya, noHilekiya, noMahaseya, ngasekunene kwakhe; ngasekholo yanguPedaya, noMishayeli, noMalekiya, noHashum, noHashebhadana, noZekariya, noMeshulam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke umchazi-mthetho uEzra lo wayemi phezu kweqonga lamaplanga, ababemenzele lona; ngakuye kwakumi ooMatiti, noShema, noAnaya, no-Uriya, noHilekiya, noMaseya, ngasekunene kwakhe; ngasekhohlo kwakhe nguPedaya, noMishayeli, noMalekiya, noHashum, noHasbhadan, noZekariya, noMeshulam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke umchazi-mthetho uEzra lo wayemi kwiqonga elenziwe ngamaplanga, lenzelwe eso siganeko. Ngasekunene kwakhe kwakumi uMatitiya, uShema, uAnaya, u-Uriya, uHilekiya, noMaseya; ngasekhohlo inguPedaya, uMishayeli, uMalkiya, uHashum, uHashbhadana, uZakariya, noMeshulam.