Nehemiah 8:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Nehemiya, oyinkosi enkulu, no‐Ezera umperisite, umba̔li, naba‐Levi abafundisayo abantu, kubo bonke abantu: Lemini ingcwele kuyehova, utixo wenu; ningabi lusizi, ningalili nokulila. Ngokuba bonke abantu bebelila, nxa bevayo amazwi omteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uNehemiya oyirhuluneli, noEzra umbingeleli, umbhali, nabaLevi abazondisa abantu, ebantwini bonke, Le mini ingcwele kuYehova uThixo wethu; musani ukwenza isijwili, musani ukulila.Ngokuba babelila bonke abantu, bakuweva amazwi omyalelo lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uNehemiya, owayenguTirshata, nombingeleli uEzra, umbhali, nabaLevi ababefundisa abantu, bathi kubo bonke abantu: “Le yimini engcwele kuYehova uThixo wenu; musani ukulila, musani ukulila. Balila bonke abantu bakuweva amazwi omyalelo lowo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke umlawuli uNehemiya, ekunye nombingeleli ongumchazi-mthetho uEzra, nabaLevi ababefundisa abantu, bathi kubo bonke: “Le yimini eyodwa kuNdikhoyo uThixo wenu. Ngoko ke musani ukulila nenze isijwili.” Kaloku bonke abantu babentywizisa ngoku bawaphulaphuleyo amazwi omthetho.