Nehemiah 9:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wakupa imiqondiso nemimangaliso pezu kwake u‐Faro, napezu kwazo zonke izicaka zake, napezu kwabo bonke abantu belizwe lake: ngokuba ubusazi ukuba benza nger̔atshi ngakubo: waza wazenzela igama, njengokuba kunjalo kwa namhla:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wenza imiqondiso nezimanga kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakubantu bonke belizwe lakhe, ngokuba ubusazi ukuba baye bebakhukhumalele; wazenzela igama njengoko kunjalo nanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza imiqondiso nezimanga kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakubantu bonke belizwe lakhe, ngokuba ubusazi ukuba banekratshi kubo; Nantso ke indlela owazenzela ngayo igama, njengokuba kunjalo namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathumela imiqondiso emangalisayo, ukumkani waseJiputa wamenzela izimanga, nawo onke amaphakathi akhe, nabantu belizwe lakhe, kuba wena uyazi inkohlakalo yawo amaJiputa kubantu bakho. Wena wazenzela igama eliqaqambileyo unanamhlanje!