Nehemiah 9:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bala ukuva, abakumbulela imimangaliso yako obuyenzile pakati kwabo; bazenza lukuni intamo zabo, bati ngenkani yabo badala intloko, ukuba babuyele ebukobokeni babo: kodwa wena ungutixo wezixolelo, onofefe, onetaṙu, oqumba kade, onobubele obukulu; ngako ubungabashiyanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abavuma ukuva, abayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba unguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, akwabashiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye akavumanga ukuphulaphula, kwaye akazange acinge ngemimangaliso yakho owayenzayo phakathi kwabo; Wazenza lukhuni iintamo zabo, wabenza umlawuli ezikreqweni zabo, babuyela ebukhobokeni babo; kodwa wena unguThixo oxolelayo, onemfesane, onemfesane, oqinisekileyo, onenceba enkulu, akwabafulathela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abavumanga kuphulaphula, bayilibala imimangaliso yakho owayenza phakathi kwabo. Suka bankaniza bagwilika, bazinyulela inkokheli, befuna ukuphindela ebukhobokeni. Kambe ke wena unguThixo oxolelayo, wambeth' isisa novelwano, ucaphuka kade, uphuphum' uthando. Ewe, wena akubalahlanga.