Nehemiah 9:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo wanika umoya wako olungileyo ukubafundisa; akwabamba imana yako emlonyeni wabo, wabapa amanzi ngenxa yokunxanwa kwabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubaqononondise;akuwuvimbanga umlomo wabo imana yakho, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubafundise, akuyicima imana yakho emlonyeni wabo, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wabathi jize ngoMoya wakho olungileyo, Moya lowo wabafundisayo ke. Akubavimbanga ukutya okuyimana; suka wabanika amanzi bakunxanwa.