Nehemiah 9:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wabubanika ubukumkani nentlanga, wabahlulahlula kwindawo ngendawo: bada bafuya ilizwe lika‐Sihone, kwa ilizwe lokumkani we‐Heshebone, nelizwe lika‐Hogi ukumkani we‐Bashane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabanika izikumkani nezizwe, wabahlulahlula ngokwemida yabo; balihlutha ilizwe lakwaSihon, ilizwe lokumkani waseHeshbhon, kwanelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngapha koko, wabanika izikumkani neentlanga waza wazahlula zaba zimbombo, ukuze balidle ilifa ilizwe lakwaSihon nelizwe likakumkani waseHeshbhon nelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wabanikela izizwe nezikumkani, wababela nezo zisekudeni, suka bawuthatha umhlaba kaSihon, bawuthatha umhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan.