Nehemiah 9:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo abantwana abo bangena balifuya ilizwe, wati wena wabatobisa pambi kwabo abemi belizwe, aba‐Kanane, wabanikela ezandleni zabo, nokumkani babo, nabantu belizwe, ukuze benze kubo njengokutanda kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bangena ke oonyana abo, balihlutha ilizwe elo; wabathoba phambi kwabo abemi belizwe, amaKanan, wawanikela ezandleni zabo, ookumkani bawo nezizwe zelizwe elo, ukuba benze kuzo ngokuzithandela kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bangena ke aba bantwana, balihlutha ilizwe, wabathoba phambi kwabo abemi belo lizwe, amaKanan, wabanikela esandleni sabo, nookumkani bawo nabantu belo lizwe, ukuba bawenze njengoko bebeya kwenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, oonyana babo bangena kulo, balithabatha laza lalelabo. Waboyisela amaKanana awayemi kwelo lizwe; wawanikela kubo amaKanana, ndawonye nezikumkani zawo, nezo ntlanga zaloo mhlaba, ukuze benz' unothanda kuzo.