Nehemiah 9:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa benza ngenkani, bavukela ngakuwe, baposa umteto wako emva kwomhlana wabo, babulala abaprofite bako, abo banqi̔nayo ngakubo, ukuba bababuyisele kuwe, bazenza izigxeko ezikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Besuka baphika, bagwilika kuwe, umyalelo wakho bawuphosela emva komhlana wabo, bababulala abaprofeti bakho ababengqina kubo, ukuba bababuvisele kuwe; bakugiba kakhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakhukhumala, bagwilika kuwe, babuya emyalelweni wakho, bababulala abaprofeti bakho ababengqina ukubabuyisela kuwe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kodwa bathelela ngentswela-mbeko, suka bavukelana nawe, umthetho wakho bawufulathela. Ewe, bababulala *abashumayeli bakho, nditsho abo babebaluleka, bezama ukubabuyisela kuwe, benza izinto ezimanyumnyezi.