Nehemiah 9:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti xeshekweni babenokupumla, babuya bakwenza okukohlakeleyo pambi kwako: ngako wena wabashiya esandleni sentshaba zabo, ukuba zaba nobukosi pezu kwabo; kodwa bakubuya bakala kuwe, wabusiva ezulwini, wabahlangula, ngazo izibele zako, amaxesha amaninzi;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakuba nokuphumla, babuya benza okubi phambi kwakho, wabashiya ezandleni zeentshaba zabo, zabanyathela. Babuya bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabahlangula ngokweemfesane zakho amaxesha amaninzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ekuphumleni kwabo, baya kuphinda benze ububi phambi kwakho; ngenxa yoko wabanikela esandleni seentshaba zabo, ukuba babalawule; wabakhulula ngokuphindaphindiweyo ngeenceba zakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bathe ke bakuphumla, basuka baphindela ebubini. Suka ke wena wabalahla, wabanikela ezintshabeni zabo, zaza ke zona zabalawula. Baphindile ke bazibika kuwe, waza weva wena usezulwini yaphindelela imfobe yakho, ubahlangula umhla nezolo.