Nehemiah 9:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wanqi̔nayo ngakubo, ukuba ubabuyisele emtetweni wako: benza nger̔atshi noko, abapulapula imiyalelo yako, koko bonayo ngakuzo izigwebo zako, (aya kuti umntu, ukuba uyazenza, apile ngazo,) bapepisa igxalaba, bayenza lukuni intamo yabo, abapulapula ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wangqina ngabo, ukuba ubabuyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bona kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bangqine, ukuba ubabuyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; bagqitha emithethweni yakho, awothi umntu ewenzile aphile ngayo; bayenza lukhuni igxalaba neentamo zabo, abaphulaphula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke wena wabatyityimbisela umnwe, usithi mababuyele emthethweni wakho. Kodwa ke basuka bakhukhumala, bazidela iziyalo zakho. Bazinyathela ngeenyawo izimiso zakho, ezo zibubomi bomntu wonke othi yena azithobele. Basuka bakufulathela bekhukhumele, bankaniza, abakuphulaphula.