Nehemiah 9:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula bati aba‐Levi, u‐Yoshuwa, no‐Kadimele, u‐Bani, u‐Hashabiniya, u‐Sherebiya, u‐Hodiya, u‐Shebaniya, n o‐Petahiya: Pakamani, bongani uyehova, utixo wenu, kwa kunapakade kude kube ngunapakade: malibongwe igama lako elibungcwalisa, elipakanyiselweyo ngapezu konke ukubongwa nokudunyiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abaLevi, ooYeshuwa, noKademiyeli, noBhani, noHashabheneya, noSherebhiya, noHodiya, noShebhaniya, noPetaya:Sukani nime. Bongani uYehova uThixo wenu, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Malibongwe igama lobuqaqawuli bakho, elikuphakameleyo konke ukubonga nokudumisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
AbaLevi, ooYeshuwa, noKademiyeli, noBhani, noHasabhenja, noSherebja, noHodiya, noSebanja, noPetaya, bathi, Sukani nime, nimdumise uYehova uThixo wenu ngonaphakade kanaphakade, nilidumise igama lakhe elibekekileyo, eliphakame ngaphezu kwayo yonke indumiso, nemibongo yonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aba baLevi bangooYeshuwa, uKademiyeli, uBhani, uHashabeneya, uSherebhiya, uHodiya, uShebhaniya, noPetaya, basuka bathi: “Phakamani nibonge uNdikhoyo uThixo wenu, umahlal' ehleli ngonaphakade kanaphakade, nithi: “Malibongwe igama lakho elidumileyo; ngamana laphakanyiselwa phezulu kunayo yonke intsikelelo nezibongo.