Nehemiah 9:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wayifumana intliziyo yake inyanisekile pambi kwako, walwenza naye ucebano, ukuba ulinike ilizwe laba‐Kanane, n ama‐Hete, n aba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Yebusi, nama‐Giregashe, ukuba ulinike kuyo inzalo yake: waza waqinisa amazwi ako: ngokuba ulungile wena:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayifumana intliziyo yakhe inyanisekile phambi kwakho, wenza naye umnqophiso wokulinika ilizwe lamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaYebhusi, namaGirgashi, wokulinika imbewu yakhe; wawamisa ke amazwi akho, ngokuba ulilungisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye wayimisa intliziyo yakhe enyanisekileyo phambi kwenu waza wenza umnqophiso kunye naye wokunika ilizwe lamaKanan namaHiti nama-Amori namaPersi namaYebhusi namaGirgashi ukuba alinike lona, ndithi, ‘Ndiza kulinika ilizwe lamaKanan namaHiti nama-Amori namaPersi namaYebhusi namaGirgashi ukuba alinike lona. Yithi, wolinika imbewu yakhe. Yehova, ndiwafezekisile amazwi akho; ngokuba ulilungisa;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena wamfumanisa enyanisekile, waza wenza umnqophiso naye wokunika izizukulwana zakhe umhlaba wamaKanana namaHiti, ama-Amori namaPerezi, amaJebhusi namaGirgashi. Waza ke waligcina elo dinga, kuba wena ulilungisa.