Numbers 1:53 — Compare Translations
3 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa aba‐Levi baya kuti waca ngokungqonga itabanakele yesinqi̔no, ukuze kungabiko msindo pezu kwentlanganiso yosapo luka‐Sirayeli: boti aba‐Levi kanjalo bagcine isigcinelo setabanakele yesinqi̔no.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AbaLevi bona bozimisa ezabo ngeenxa zonke emnqubeni wesingqino, ukuze kungezi burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli, basigcine abaLevi isigxina somnquba wesingqino.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke abaLevi bomisa intente yabo beyijikeleza intente yesingqino, ukuze kungavuthwa burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli; bagcine abaLevi umsebenzi womnquba wesingqino.