Numbers 10:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabesiti u‐Mosesi ku‐Hobabe, unyana ka‐Rehule, um‐Midiyane, usomfazi ka‐Mosesi: Siyahamba tina ukuya kulondawo utshilo uyehova ngayo ukuti: Ndoninika yona; yiza nati, sasiya kukwenzela okulungileyo: ngokuba uyehova etetile okulungileyo pezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaReguweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyenyuka siye kuloo ndawo athe uYehova, Ndiya kuninika yona; Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; uYehova uthethe kakuhle ngoSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uMosis wathetha noHobhabhi usibali wakhe ongunyana kaJetro waseMidiyan, wathi: “Ke ngoku, sibali, sekumbovu ukuba sinduluke sijonge ukuya kungena kwelo lizwe uNdikhoyo wathembisa ukusinika lona. Wasithembisa ukuba uSirayeli uya kuhluma. Ngoko ke hamba nathi, ukuze siyixhamle kunye loo nyhweba yenkqubela.”