Numbers 10:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Boba ngonyana baka‐Arone, abaperi site, abaya kuvutela ngawo amaxilongo; babeya kuba ngummiselwa ongunapakade kuni ngezizukulwana zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bovuthela ngamaxilongo oonyana baka-Aron ababingeleli, ibe ngummiselo ongunaphakade kunikwi zizukulwana zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuthela ngezigodlo oonyana baka-Aron ababingeleli; ibe ngummiselo ongunaphakade kuni kwizizukulwana zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Amaxilongo lawo ke makavuthelwe ngoonyana baka-Aron ababingeleli. Lo ke ngummiselo kuwe nezizukulwana ezizayo.