Numbers 11:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWABEKUTE, bakugungqa abantu, kwakubi ezindlebeni zikayehova: ngokuba uyehova ebesiva, yada yavuta ingqumbo yake; waza umlilo kayehova watshisa pakati kwabo, wagqibela inxenye ezipelweni zomnquba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova.Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bathe abantu bakrokra, bububi emehlweni kaYehova; weva uYehova; wavutha umsindo wakhe; watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wabadla abo basemacaleni eminquba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela *uNdikhoyo ngenxa yobunzima ayebuva. Uthe akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka, wawathumela ngomlilo. Ke wona wadangazela wayitshabalalisa inxalenye yamaphethelo ekampu yamaSirayeli.