Numbers 11:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndim na obakaulileyo bonke ababantu? ndim na nobazeleyo, ukuba uti kum: Batwale esifubeni sako, njengokuba umondli etwala umntwana owanyayo, uye kwelozwe ubufungela oyise babo ngalo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibase emhlabeni owawufungela ooyise?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndibamkele bonke na aba? Ndim na owabazalayo, naxa uthe kum, Bathwale esifubeni sakho, njengoko kuzala umntwana, ubase kwelo zwe wafunga kooyise ngalo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kakade, ngaba bakhawulwa ndim? Hayi kaloku, àbazalwa ndim; ngani ke ukuba uthi mandibasingathe oku kwempelesi egcina usana, ndibase kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu?