Numbers 11:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba kungokunjalo undenzelayo, uke ugqibele ukundibulala, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako; ndize ndingaboni ububi bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba undenjenjalo, sewundibulala kanye, ukuba undibabale;mandingabuboni ububi bam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wenjenjalo kum, ndibulale, ukuba ndibabalwe nguwe; kwaye andizange ndiyibone intlungu yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Endaweni yale ndlela undiphethe ngayo, ndibulale kube kanye, ukuba uyavelana nam, khon' ukuze ndingayiboni le ntlekele iza kundihlela!”