Numbers 11:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati uyehova ku‐Mosesi: Ndihlanganisele amadoda abe ngamashumi asixe̔nxe kubo abadala bo‐Sirayeli, lawo uwaziyo ukuba angabadala babantu, namagosa abo; uze uwazise ententeni yentlangano, eme kona ndawonye nawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kumamadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Ndihlanganisele amadoda amashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, neentloko zabo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe aziinkokheli zamaSirayeli, uze nawo apha *esibingelelweni, eme nawe.