Numbers 11:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndoka ndihle ke, nditete nawe apo; ndandiya kucapula kulomoya opezu kwako, ndibeke pezu kwawo; neya kutwalelana nawe ekutwaleni ababantu, uze wena ungabatwali wedwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona; ndithabathe ube mnye kuMoya ophezu kwakho, ndiwubeke phezu kwabo; yaye baya kuwuthwala umthwalo waba bantu kunye nawe, ukuze ungawuthwali wedwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna ndiya kufika ndithethe nani khona, ndize nawo ndiwahlulele kuMoya okuwe, khon' ukuze abe nokukunceda kolu xanduva lungaba bantu, ungaluthwali wedwa.