Numbers 11:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasebantwini uya kuti: Zingewaliseleni imini yangomso, naniya kuyidla inyama: ngokuba nililile ezindlebeni zikayehova, nisiti: Ngubanina oya kusidlisa inyama? ngokuba bekumnandi kuti e‐Jipete. Ngako uyehova wonipa inyama, naniya kuyidla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama;kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa.UYehova uya kuninika ke inyama nidle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthi ebantwini, Zihlambululeni ngomso, nodla inyama; ngokuba nakhalayo phambi koYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle? ngokuba izinto bezisihambela kakuhle eYiputa; ke uYehova uya kuninika inyama, nidle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke bona aba bantu yithi kubo: ‘Hlambulukani, kuba ngomso niya kuyitya inyama. Kaloku uNdikhoyo usivile isililokazi senu, nisithi nikhanuka inyama, akwaba beniseseJiputa. Ngoku ke uNdikhoyo uza kuninika loo nyama, yaye ke niza kuyitya.