Numbers 11:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Igusha nenkomo ziya kubaxe̔lelwa na, ukuba kube kokubaneleyo? zonke intlanzi zolwandle ziya kubabutelwa kusinina, ukuba kube kokubaneleyo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona nazonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umhlambi weebhokhwe neenkomo uya kuxhelelwa bona na? Okanye ngaba zonke iintlanzi zolwandle ziya kuhlanganiselwa ukuba zibalingane?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khona sebexhelelwe imihlambi yeenkomo neegusha, uthi banganela? Okanye ke uthi banganela xa benikwe zonke iintlanzi eziselwandle?”