Numbers 11:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapuma ke u‐Mosesi, wawateta ebantwini amazwi kayehova: wandula wahlanganisa amadoda amashumi asixe̔nxe kubo abadala babantu, wawamisa ngento engqongayo intente.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wawahlanganisa amadoda amashumi osixhenxe kumadoda amakhulu abantu, wawamisa aba sisangqa ententeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wahlanganisa amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe abantu, ahlala ewujikelezile umnquba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis ke waya kumaSirayeli, wawaxelela oko kuthethwe nguNdikhoyo. Wathatha amashumi asixhenxe amadoda amakhulu, wawamisa angqonga isibingelelo.