Numbers 11:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wehla uyehova ngelifu, wateta kuye, wacapula kuiomoya opezu kwake, wabeka pezu kwawo amadoda asixe̔nxe, abadala abo: kwaza kwati, kwakupumla pezu kwabo umoya lowo, baprofitesha, bengapindanga kodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wehla uYehova ngelifu, wathetha kuye, wacaphula kumoya okuye, wawubeka kumadoda amakhulu angamashumi osixhenxe;kwathi, xa wahlalayo umoya phezu kwawo, aprofeta, akaphinda kodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iNkosi yehla efini, yathetha kuye, yathabatha uMoya ophezu kwakhe, yawunika amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe; Wahlala uMoya phezu kwabo, baprofeta, ababeka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke wehla ngelifu, wafika wathetha naye. Iinkokheli ezo wazahlulela kuMoya owawukuMosis, zaza zathi ke zakuwufumana zadanduluka okwabashumayeli, nakuba zingaphindanga zenjenjalo.