Numbers 11:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kuye u‐Mosesi: Unekwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakayehova babengabaprofite, ukuba uyehova abeke pezu kwabo umoya wake!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngam na? Wanga uThixo angabenza abaprofeti bonke abantu bakaYehova, abeke uMoya wakhe phezu kwabo!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Koko ke yena uMosis waphendula wathi: “Ngaba uya ndikhweletela na? Ukuba bekuya ngam, uNdikhoyo nge-ebafaka uMoya wakhe bonke abantu bakhe, batsho babe ngabashumayeli bonke.”