Numbers 11:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo abantu abadityanisiweyo abapakati kwabo babanjwa kukukanuka; lwada lwabuya lwalila nosapo luka‐Sirayeli, lwati: Ngubanina oya kusidlisa inyama?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubanina oya kusinika inyama sidle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaza inkitha ephakathi kwabo yefa yindlala; babuya balila oonyana bakaSirayeli, besithi, Ngubani na oya kusinika ukudla, sidle?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku phakathi kwamaSirayeli kwakukho ingxubevange yabantu. Bona ke basuka bangenelwa kukurhala, aza namaSirayeli angenelela, akhalaza athi: “Awu, akwaba besinokukhe sifumane inyama!