Numbers 12:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati uyehova ku‐Mosesi: Ukuba uyise ebeke wamtshicela ubuso, ange engadani na imihla isixe̔nxe? makatshixelwe imihla ibe sixe̔nxe ngapandle kwomnquba, ati kamva abuye amkelwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe?Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise wamtshicela ebusweni, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe? wakhutshelwa ngaphandle kweminquba iintsuku ezisixhenxe, waphinda wamkelwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo waphendula wathi: “Andithi ebengáthi ekhe watshicelwa nguyise ebusweni anyeliseke iintsuku ezisixhenxe? Nangoku ke makakhutshelwe ngaphandle kwebandla lakwaSirayeli iintsuku ezisixhenxe; emva koko ke aphinde abuye.”