Numbers 14:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati kodwa yonke intlanganiso: Mabagityiselwe ngamatye. Kwandul’ ukubonakala ubungcwalisa bukayehova ententeni yentlangano, pambi kwalo lonke usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana, phambi koonyana bonke bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku amaSirayeli ephela athi selezimisele ukubaxuluba ngamatye, suka abona ngobukhazi-khazi bokukhazimla kukaNdikhoyo bukhakhaba phezu kwesibingelelo.