Numbers 14:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Kude kube ninina ababantu bondidela? nakude kube ninina bangakolwa ndim, ngenxa yayo yonke imiqondiso endiyenzileyo pakati kwabo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bendigiba aba bantu? Kuya kuda kube nini nabengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bengandithobeli aba bantu? kwaye kuyakuthatha ixesha elingakanani phambi kokuba bandikholelwe, ngenxa yayo yonke imimangaliso endiyenzileyo phakathi kwabo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo ke wadanduluka wathi: “Koda kube nini aba bantu bendidela? Koda kube nini bengandithembi, nangona sendenze imimangaliso engaka nje phakathi kwabo?