Numbers 14:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuloko u‐Mosesi wati kuyehova: Kwohla kuvakale kuma‐Jipete, (ngokuba ubanyusile ngamandla ako ababantu kwa pakati kwawo,)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile, ukuba ulukhuphe ngesandla sakho olu hlanga phakathi kwawo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uMosis waphendula wathi kuNdikhoyo: “Awu, Mhlekazi, koba yini amaJiputa akuyiva loo nto? Kaloku nguwe owakhupha aba bantu phakathi kwawo ngamandla akho.