Numbers 14:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba onke lomadoda abonileyo ubungcwalisa bam, nemiqondiso yam, endibe ndiyenza e‐Jipete nasentlango apa, endilingile elishumi lamaxesha, engapulapulanga ilizwi lam;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekubeni bonke bebubonile ubuqaqawuli bam, nemisebenzi yam ebalulekileyo endayenzayo eYiputa nasentlango, bandilingile ngoku izihlandlo ezilishumi, abaliphulaphula izwi lam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke akukho nanye indoda kwaba bantu eya kufika kwelo lizwe. Kaloku babubonile ubukhazikhazi obuntama ukuba ndikho, ndawonye nemiqondiso endayenza eJiputa nakule ntlango; kodwa nakuba kunjalo bayaphindelela ukundivavanya, besala ukundithobela.