Numbers 14:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanti isicaka sam u‐Kalebi, ngokuba ebenomoya wumbi kuye, wakolisa ukundilandela, yena ndiya kumzisa kwelozwe apo wabesiya kona; kanjalo inzalo yake yolifuya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiyakumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wandilandela kwaphela, ndomzisa ezweni ebeye kulo; Ilidle ilifa imbewu yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe sona isicaka sam uKalebhi akafani nabo. Yena waba soloko endithobela, ngoko ke yena ndiya kumngenisa kwelo lizwe walibonayo, yena nesizukulwana sakhe.