Numbers 14:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa kulentlango ziya kuwa izidumbu zenu; nabo bonke ababalweyo benu, ngalo lonke inani lenu, bengabaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo, abaṙoṙileyo ngakum, —
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwayo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, nina nindikrokreleyo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababhaliweyo ngani, bebonke ngokwenani lenu, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwesa kwabakhulu, bona badunyiswa ndim.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niza kufa, zaye ke izidumbu zenu ziya kuqungquluza kule ntlango. Kaloku niyandikhalazela, ngoko ke bonke ababudala bungaphezu kwamashumi amabini soze bangene kwelo lizwe.