Numbers 14:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunganina ke ukuba uyehova usizisile kwelilizwe, size siwe ngesiṙele, bati abafazi betu, nentsapo zetu, babe lixoba? Kanene akungesilungele ukubuyela e‐Jipete na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwelikrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba?Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakutheni ukuze uYehova asizise kweli hlabathi ukuze sibulawe ngekrele, baze abafazi nabantwana bethu babe ngabathinjwa? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngani ukuba *uNdikhoyo asise kwilizwe elinjalo? Kuba kucacile ukuba siya kufel' emfazweni, baze abafazi nabantwana bethu babe ngamaxhoba. Anitsho nina ukuba kubhetele sibuyele kwaseJiputa?”