Numbers 14:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengenani lemihla enanipanda ilizwe ngalo, imihla emashumi mane, umhla mnye usendaweni yomnyaka mnye, niya kutwala inkohlakalo zenu, kwa iminyaka emashumi mane; naniya kukwazi ukwahlukana kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokwenani lemihla enalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mane, umhla ube ngumnyaka, niyakubuthwala ubugwenxa benu iminyaka emashumi mane, nikwazi ukunishiya kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokwenani leentsuku enalihlola ngalo ilizwe, iintsuku ezimashumi mane, umhla ube ngumnyaka, uya kuzithwala izono zenu iminyaka emashumi mane, nilaphule ke ilizwi lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, yoba yiminyaka emashumi mane nisitya iziqhamo zokukreqa kwenu; unyaka ngamnye umele usuku ngalunye kwezo zathathwa ziintlola kwelo lizwe. Niza kuthi shuu ngenxa yezono zenu, nibuve ubunzima bokuchaswa ndim!